UmThetho
I-OFISI KAMONGAMELI
INombolo yama-58 ka-1995: UMTHETHO WABAGUNYAZISI BAMAVA OMZANTSI AFRIKA, 1995.
Apha kuyaziswa ukuba uMongameli uwuvumile lo mThetho ulandelayo opapashelwe ulwazi jikelele:-
UmThetho
Ukuba ulungiselele uphuhliso kunye nophunyezo lweSakhelo samava eSizwe kwaye ngale njongo ukuseka abaGunyazisi baMava oMzantsi Afrika; kunye nokulungiselela imiba eqhagamsheleneyo.
LUMISELWE yiPalamente yeRiphabliki yoMzantsi Afrika, njengoku kulandelayo:-
Iinkcazelo
Kulo mThetho, ngaphandle kokuba umxholo ukhombisa ngenye indlela-
"abagunyazisi" bathetha abagunyazisi bamava oMzantsi Afrika abasekwe licandelo lesi-3;(viii)
"inkampani" ithetha inkampani okanye i-close corporation ebhaliswe phantsi kwawo nawuphi na umthetho, onika imfundo okanye uqeqesho kubasebenzi okanye abaxhasi bayo; (v).
"umLawuli-Jikelele" uthetha umLawuli Jikelele weMfundo; (i)
iv. "uMphathiswa" uthetha uMphathiswa weMfundo kunye, nangeenjongo zamacandelo 4 , 4 , 4 , 4 , 4 , 5 , 11, 13 , 14 kunye ne-15 , uMphathiswa wezeMfundo ngokudibana noMphathiswa wezeMisebenzi; (vi)
v. "iSakhelo saMava eSizwe" sithetha iSakhelo saMava eSizwe esivunywe nguMphathsiwa ukuba sibhaliswe kwimigangatho kunye neziqinisekiso zesizwe; (vii)
vi. "umsebenzi wokufundisa olungiseleweyo" uthetha iqumrhu okanye imanyano elilungu leBhunga loNxulumano lwabaSebenzi kwiMfundo elasekwa ngokwemiqathango yomThetho woNxulumano lwabaSebenzi kwiMfundo, 1993 (umThetho oyiNombolo yama-146 ka-1993), kwaye uyaqondwa nguMphathiswa ngenjongo zalo mThetho; (ii)
vii. "ukumisela" kuthetha okumiselwe ngummiselo; (x)
viii. "amava" athetha ukuqondwa okusesikweni kwempumelelo yenani noluhlu lweekhredithi ezifunekayo kunye nezinye iimfuneko ezinjalo kwimigangatho ekhethekileyo yeSakhelo saMava eSizwe njengoko zinokumiselwa ngamaqumrhu abalulekileyo abhaliselwe loo njongo ngabagunyazisi bamava oMzantsi Afrika; (iv)
x. "ibakala" lithetha iingxelo ezibhalisiweyo zeziphumo zemfundo noqeqesho olufunekayo kunye nendlela enxulumene nalo yokukhetha (ix)
Iinjongo zeSakhelo saMava oMzantsi Afrika
Iinjongo zeSakhelo saMava oMzantsi Afrika ku-
a. kudala isakhelo sesizwe esidityanisiweyo sempumelelo yokufunda;
b. Ukwenza lula ukufikelela, ukutshintsha kunye nenkqubela kwimfundo, uqeqesho kunye nendlela yezakhono zemisebenzi ezinokulandelwa;
c. Ukunyusa ubulunga bemfundo noqeqesho;
d. Ukhawulezisa ukulungisa ucalu-calulo lwangaphambili obelungalunga kwimfundo, uqeqesho kunye namathuba engqesho; kunye e. Nokufaka isandla kuphuhliso olupheleleyo lomfundi ngamnye kunye nophuhliso lwentlalo noqoqosho lwesizwe ngokubanzi.
Ukusekwa kwabaGunyazisi baMava oMzantsi Afrika
Kuya sekwa ke ngoku umntu onolwazi oluphangaleleyo ngomthetho ekuthiwa ngumGunyazisi waMava oMzantsi Afrika.
(i) abagunyazisi baya kuba nosihlalo oya kuqeshwa ngokwemiqathango yecandelwana , amalungu anjalo njengoko eya kuqeshwa ngokwemiqathango yecandelwana kunye nele- , kunye negosa eliyintloko eliya kuqeshwa ngokwemiqathango yecandelwana .
uMphathiswa uyakuqesha umntu onamava kunye nobugcisa kwimicimbi enxulumene nemisebenzi yabaGunyazisi, ukuba abe ngusihlalo wabagunyazisi.
UMphathiswa uya kuqesha aba Bantu balandelayo njengamalungu abaGunyazisi, ngendlela enikiweyo kwicandelwana 4-
a. ilungu elinye elonyulwe ngumLawuli-Jikelele;
b. ilungu elinye elonyulwe ziintloko zamaphondo zamasebe emfundo;
c. ilungu elinye elonyulwe ngumLawuli -Jikelele: ezemiSebenzi;
d. ilungu elinye elonyulwe yiBhodi yoQeqesho yeSizwe;
e. amalungu amabini onyulwe ngamaqumrhu esizwe amele umsebenzi olungiselelweyo;
f. amalungu amabini onyulwe ngamaqumrhu esizwe amele amashishini alungiselelweyo;
ilungu elinye elonyulwe liqumrhu lesizwe elimele iintloko zeekholeji zootitshala kwaye eliqondwayo nguMphathsiwa kule njongo;
k. ilungu elinye elonyulwe liqumrhu lesizwe elimele iikholeji ngaphandle kweekholeji zeetitshala kunye neekholeji zobugcisa kwaye eziqondwayo nguMphathiswa kule njongo;
l. ilungu elinye elonyulwe yimibutho yesizwe emele imfundo esisiseko yabadala kunye necandelo loqeqesho kwaye eliqondwayo nguMphathiswa kule njongo;
m. ilungu elinye elonyulwe yimibutho yesizwe emele iicandelo lophuhliso lobuntwana kusekwangoko kwaye eliqondwayo nguMphathiswa kule njongo;
n. amalungu amabini onyulwe ngumsebenzi wokufundisa olungiselelweyo;
o. amalungu amabini onyulwe yimibutho yesizwe emele abafundisi nabaqeqeshi basezidyunivesiti abaqondwayo nguMphathiswa kule njongo;
p. ilungu elinye elonyulwe yimibutho yesizwe emele icandelo leemfuno ezikhethekileyo zemfundo kwaye eliqondwayo nguMphathiswa;
q. amalungu angekho ngaphezulu kwesithandathu aqeshwe nguMphathiswa ngokwengqiqo yakhe;
r. amalungu angekho ngaphezulu kwesibini amkelwe njengamalungu abagunyazisi ngokwengqiqo yabo kwaye ekwenziwe izindululo ngawo kuMphathiswa ukuba aqeshwe.
Ngenjongo yokufuna ulonyulo njengoko kucamngciwe kwicandelwana 3, uMphathiswa uya kunika isaziso kwiPhepha lasebuRhulumenteni ngenjongo yakhe yokuqesha amalungu abaGunyazisi, kwaye uyakucela nawuphi na umbutho okanye iqumrhu kwimimandla ekubhekiselwe kuyo kwicandelwana 3 ukuba ingenise amagama abagqatswa abanokufaneleka ngenxa yamava kunye nobuchule babo kwimiba enxulumene nemisebenzi yabaGunyazisi kwaye ukungeniswa kwamagama abagqatswa aya kuthathelwa ingqalelo kuya kunikwa umthetho-siseko womelo.
Ngenjongo yolonyulo olucamngciweyo kumhlathi n wecandelwana 3, nawuphi na umbutho okanye imanyano ayiyi kwenza ngaphezulu konyulo olunye.
Ilungu labaGunyazisi kukhutshelwa ngaphandle igosa elilawulayo, liya kubamba i-ofisi ixesha elingayi kudlula kwiminyaka emithathu, njengoko uMphathiswa enokumisela ngexesha lengqesho yalo kwaye ilungu lisenokuphinde liqashwe ixesha elingaphaya le-ofisi xa ixesha lalo lokuqala liphela.
uMphathiswa uyakuthathela ingqalelo imimiselo yecandelwana 3, xa egcwalisa nasiphi na isithuba.
Amalungu acamngciweyo kumacandelwana 2 nele 3 aya kuqesha umntu ofanelekileyo ukuba abe ligosa elilawulayo, ngemvume yoMphathiswa, ngeemeko zenkonzo ezinokumiselwa ngabagunyazisi ngemvume yoMphathiswa, enikwe ngemvumelwano yoMphathiswa wezeMali.
Imisebenzi yabaGunyazisi
 Ngokuxhomekeke kwimimiselo yecandelwana , abagunyazisi baya-
a. (i). kongamela uphuhliso lweSakhelo saMava eSizwe; kwaye bacacise kwaye bapapashe iinkqubo kunye nendlela yokukhetha yo-
aa. bhaliso lwamaqumrhu eyimfanelo yawo ukuseka imigangatho yemfundo noqeqesho okanye iziqinisekiso; kunye bb. nokuqinisekiswa kwamaqumrhu eyimfanelo yawo ukuhlola kunye nokuphicotha impumelelo ngokwemiqathango yemigangatho okanye iziqinisekiso ezinjalo;
b. ukongamela ukuphunyezwa kweSakhelo saMava eSizwe, kuqukwa-
Nobhaliso lokuqinisekiswa kwamaqumrhu ekubhekiselwe kuwo kumhlathi a kunye nokunikezelwa kwemisebenzi kuwo;
Ukubhaliswa kwemigangatho kunye neziqinisekiso zesizwe;
Amanyathelo okuqinisekisa ungqinelwano nolungiselelo lokuqinisekiswa; kunye iv. Namanyathelo okuqinisekisa ukuba imigangatho kunye neziqinisekiso ezibhalisiweyo zinokulinganiswa nezamazwe ngamazwe;
c. ukucebisa uMphathiswa ngemicimbi echaphazela ubhaliso lwemigangatho kunye neziqinisekiso;
kunye d. nokuba ibe yimfanelo yabo ukulawula iimali zabaGunyazisi abaGunyazisi bayakuqhuba ngeenjongo zeSakhelo saMava eSizwe njengoko kunikiwe kwicandelo lesi-2 kwaye lenze imisebezni yabaGunyazisi njengoko inikiwe kwicandelwana 1-
a. emva kokudibana kunye nokusebenzisana namasebe karhulumente, imibutho ezimeleyo, iinkampani, amaqumrhu kunye namaziko eyimfanelo yawo imfundo, uqeqesho kunye nokuqiniselwa kwemigangatho eya kwenziwa siSakhelo saMava eSizwe;
Imisebenzi yegosa elilawulayo
 Igosa elilawulayo iya-
a. kuba luxanduva lwalo kubaGunyazisi ukwenziwa kwemisebenzi yalo ngokwemiqathango yalo mThetho;
b. ukuhlola amagosa kunye nabasebenzi babaGunyazisi; kunye c. kuba ligosa elibalayo labaGunyazisi eliya kubala iimali ezifunyenweyo, iintlawulo ezenziweyo kunye nempahla enokususwa ethengwe ngabaGunyazisi.
Igosa elilawulayo liyakuncediswa ekwenzeni imisebenzi yalo ngokwemiqathango yecandelwana 1 ngamagosa kunye nabasebenzi abanjalo babaGunyazisi njengoko igosa elilawulayo linokonyulela le njongo.
Amagunya abaGunyazisi a. abagunyazisi banokuseka iikomiti kwaye baqeshe abantu abangasingawo amalungu abaGunyazisi kwiikomiti.
b. Abagunyazisi baya kuqesha usihlalo wekomiti nganye.
c. Abagunyazisi banokuyiphelisa okanye bayimise ikomiti.
d. Abagunyazisi bunokunikezela ngawo nawaphi na amagunya, kukhutshwa ngaphandle amagunya ekubhekiselelwe kuwo kweli candelo, kuzo naziphi na iikomiti zabo, kodwa zingahluthwa amagunya anikezelweyo kwaye banokulurhoxisa unikezelo olunjalo ngalo naliphi na ixesha e. Abagunyazisi banokulungisa okanye babekele ecaleni nasiphi na isigqibo sekomiti enjalo.
abagunyazisi banokusombulula iimbambano ezinxulumene nokwenziwa kwemisebenzi yabo ekubhekiselelwe kuyo kwicandelo lesi-5.
abagunyazisi banokuzuza kwaye bagqibe ngempahla abagunyazisi banokwenza ukuba kwenziwe uphando ukuba babona ukuba kubalulekile oko ekwenzeni kwabo imisebenzi yabo.
abagunyazisi banokwenza nawuphi na omnye umsebenzi onokunikezelwa nguMphathiswa obalulekileyo kwiSakhelo saMava eSizwe.
Iintlanganiso zabaGunyazisi kunye neekomiti
 Iintlanganiso zabaGunyazisi okanye ikomiti ziyakubanjwa ngamaxesha kunye nendawo enjalo njengoko kuya kumiselwa ngusihlalo wabagunyazisi okanye ikomiti.
Iinkqubo zabaGunyazisi okanye ikomiti aziyi kungabikho mthethweni ngenxa yesizathu sesithuba kubaGunyazisi, njengoko kunokubanjalo.
Ukuba ngaba usihlalo wabagunyazisi okanye wekomiti akakho kuyo nayiphi na intlanganiso yabaGunyazisi okanye yekomiti, njengoko kunokuba njalo, amalungu akhoyo aya kukhetha phakathi kwawo umntu oya kuchophela loo ntlanganiso.
abagunyazisi banokumisela imithetho enxulumene neenkqubo kwiintlanganiso zabo okanye kwiintlanganiso zekomiti, kuqukwa nekoram kwiintlanganiso ezinjalo.
Ukushiywa kwe-ofisi ngamalungu abaGunyazisi
Usihlalo okanye naliphi na ilungu labaGunyazisi ekubhekiselwe kulo kwicandelo 4 liyakuyishiya i-ofisi yalo ukuba-
a. ukuba umntu izinto anazo zithinjiwe okanye ungena kuhlangabezwano kunye nanamatyala kubo;
b. ubanjwe njengomntu ophazamisekileyo engqondweni ngokwemiqathango yawo nawuphi na umthetho;
c. akakho kwiintlanganiso zabaGunyazisi ezintathu zilandelelana ngaphandle kwekhefu kubagunyazisi;
d. uyarhoxa ngesaziso esibhalelwe uMphathiswa; okanye e. ngexesha lokuhlala kwakhe e-ofisini, ufunyenwe enetyala kwaye agwetyelwe ukuvalelwa ejele ngaphandle kokunikwa isohlwayo.
Imali yabaGunyazisi
 Imali yabaGunyazisi iya kuba-
a. neemali ezibekwe yiPalamente ukuze kuphunyezwe iinjongo zabaGunyazisi;
b. iimali ezifunyenwe ngabagunyazisi ngokulunga kwemithetho eyenziwe ngokwemiqathango yecandelo le-14;
c. iimali ezifunyenwe ngendlela yemali mboleko enyuswe ngabagunyazisi ngemvume yoMphathiswa, enikwe nangemvume yoMphathiswa wezeMali;
d. amalizo, imirhumo okanye imali eselungelweni efunyenwe ngabagunyazisi; kunye e. nenzalo yotyalo-mali.
abagunyazisi bayakuyisebenzisa imali yalo ekuhlawuleni iindleko zamatyala ezinxulumene nemisebenzi yabo.
a abagunyazisi ngexesha elibekiweyo kunye nangendlela ebekiweyo njengoko uMphathiswa enokumisela, kunyaka mali ngamnye, buyakungenisa ingxelo yengqikelelo yengeniso kunye nenkcitho yalo yonyaka olandelayo ukuba ivunywe nguMphathiswa.
b Iimali ezicamngciweyo kwicandelwana 1 a ziyakusetyenziswa ngabagunyazisi ngokungqinelana nengxelo evunyiweyo ekubhekiselwe kuyo kumhlathi a, kwaye nayiphina intsalela engasetyenziswanga iya kusiwa phambili njengekhredithi kunyaka mali olandelayo.
Ngokuxhomekeke kulungiselelo lwecandelwana 3b, abagunyazisi banokwenza utyalo mali ngayo nayiphi na inxenye yemali yalo ngendlela enokuvunywa nguMphathiswa, ngemvumelwano noMphathiswa wezeMali.
abagunyazisi banokubiza okanye bayeke imali-
a. ekunikweni kwayo nayiphi na imvume okanye ukuqinisekiswa; kwaye b. ngazo naziphi na iinkonzo ezinikwe liziko.
Amagosa kunye nabasebenzi babaGunyazisi abagunyazisi, ngokuxhomekeke kwiimeko zenkonzo ezimiselwe abagunyazisi ngemvume yoMphathiswa kunye nesivumelwano soMphathiswa wezeMali, banokuqesha amagosa kunye nabasebenzi abanjalo njengoko abagunyazisi benokucingela ukuba kufanelekile ekwenzeni imisebenzi yabo ngokwemiqathango yalo mThetho.
Imali evunyelweyo kunye nemivuzo yamalungu obaGunyazisi kunye neekomiti uSihlalo, elinye ilungu ngalinye labaGunyazisi kunye nawuphi na umntu oqeshwe njengelungu lekomiti phantsi kwecandelo 7 ongekho kwinkonzo epheleleyo karhulumente, ngokunxulumene neenkonzo azinikayo okanye ngokunxulumeme nemicimbi yabaGunyazisi okanye ikomiti, angahlawulwa ngabagunyazisi-
a. imali yokuhamba enjalo, imali yokumphilisa kunye nenye imali evunyelweyo; kwaye b. kusihlalo wabaGunyazisi, umvuzo owongezelelekileyo onjalo, unokumiselwa nguMphathiswa ngesivumelwano noMphathiswa wezeMali.
Uphicotho-zincwadi nengxelo yonyaka
 Iincwadi ze-akhawunti kunye neengxelo zemali zabaGunyazisi ziyakuphicothwa ekupheleni konyaka mali ngamnye nguMphicothi-ziNcwadi Jikelele.
abagunyazisi abayi kungenisa kuMphathiswa ingxelo ngendlela emiselwe nguMphathiswa yemisebenzi yabo ngexesha lonyaka mali, kuqukwa nengxelo ephicothiweyo yokuba yimalini engenileyo kwaye iyimalini ephumileyo kunye nengxelo yengeniso nenkcitho kungadlulanga iinyanga ezintandathu emva kokuphela konyaka mali ngamnye.
uMphathiswa uya kucalula iikopi zengxelo, kuqukwa nokuba yimalini engenileyo nokuba yimalini na ephumileyo kunye nengxelo yengeniso nenkcitho ekubhekiselwe kuyo kwicandelwana 2, ePalamente kwiintsuku ezili-14 emva kokuba ifunyenwe ukuba ngaba iPalamente ikwixesha leengxoxo eliqhelekileyo, okanye ukuba ngaba iPalamente ayikho kwixesha eliqhelekileyo leengxoxo, kwiintsuku ezili-14 emva kokuqala kwexesha layo leengxoxo eliqhelelikeyo elilandelayo.
Imithetho abagunyazisi ngemvume yoMphathiswa, banokwenza imithetho enxulumene-
a. nawo nawuphi na umcimbi ngokwalo mThetho ekufunwa okanye ovunyelweyo ukuba umiselwe;;
b. imali ezihlawulwa kubaGunyazisi ngokunxulumene nemicimbi ekubhekiselelwe kuyo kwicandelo le-10 (a) kunye no(b); kwaye c. nawuphi na omnye umcimbi umthetho obalulekileyo kuwo okanye oncedayo ukwenza ukuba kusebenze ulungiselelo lwalo mThetho.
Ulungiselelo lotshintsho olunxulumene namaqumrhu asele ekhona
 Naliphi na iqumrhu elisekwe ngokomThetho elenza imisebenzi efanayo naleyo yenziwa ngabagunyazisi njengoko kunikiwe kwicandelo lesi-5 liyakuqhuba lisenza lmisebenzi enjalo de iqumrhu liyekiswe okanye imisebenzi yalo itshintshwe ngumthetho.
Akukho qumrhu licamngciweyo kwicandelwana 1 liya kuyekiswa okanye imisebenzi yalo naliphi na iqumrhu elinjalo iyakutshintshwa de abagunyazisi nequmrhu bakuphononongile ngokuhlanganyelana okunokwenzeka ngokuyekiswa okanye ngotshintsho kunye nokuphunyezwa kweSakhelo saMava eSizwe kwaye kwenziwe izindululo kuMphathiswa.
Eli candelo aliyi kusebenza kulo naliphi na iqumrhu elisekwe ngomthetho wabucala weDyunivesiti.
Isihloko esifutshane
Lo mThetho kuya kuthiwa ngumThetho waMava oMzantsi Afrika, 1995.
